
Ngu Dylan Bettencourt
Ilizwe laseMorocco lizakudlulela kwisigaba semidlalo esandulela amagqibela kankqoyi okokuqala kwimidlalo yendebe yehlabathi yeFifa.
Oku kwenzeka emva kokuba libethe labhulela amasaka ilizwe laseSpain ngamanqaku amathathu kwimbande yesikhova ngethuba kukhatywa amapenathi sele uphelile umdlalo, ngokuhlwa kwangolwesibini.
Lilizwe laseMorocco kuphela eAfrika eliseleyo kwimidlalo yendebe yehlabathi, nangona liza kudlala lemidlalo lingathathelwa ngqalelo.
Umgama owohlukanisa la mazwe mabini mncinci kakhulu, ukanti ngokuhlwa kwangolwesibini bekungekho kwanto yohlukanisa lamaqela mabini emva kokuba kuphele ixesha lemizuzu elikhulu namashumi amabini alomdlalo.
Iqela leAtlas Lions limelane noxinzelelo olumandla obelufakwa kukuhlasela kweSpain, kodwa kubonakele ukuba iMorocco liqinile ngokuvala.
Le yeyona nto ilinike ithuba ilizwe laseMorocco ukuba lidlulele – kwisigaba sokuba kukhatywe amapenathi ukuze kufumaneke iqela eliphumayo.
Ukufikelela kweqela laseMorocco kwisigaba samaqela alishumi elinesithandathu bekuyimpumelelo eyonelisayo, kuba bebefikelela okokuqala kwesisigaba oko babegqibele kwimidlalo yendebe yehlabathi yangonyaka ka1986.
Kwaye izinto ziye zakhangeleka zibalasele nangakumbi ngakwicala leMorocco ngethuba uPablo Sarabia ephosa ipenathi yokuqala yeqela laseSpain.
Ukanti uAbdelhamid sabiri ufake ipenathi yokuqala yeMorocco ngaphambi kokuba uCarlos Soler naye aphose ipenathi yesibini yeSpain.
Unozinti weqela laseMorocco uYassine Bounou ubonakale eliqhawe lelizwe lakhe. Noxa kunjalo zijikile izinto ngethuba uBadr Benoun ephosa ipenathi yakhe.
Igqala leSpain uSergio Busquest uphakamile, wabonakalisa uncumo lokuzithemba kunozinti weMorocco uBounou ngaphambi kokuba akhabele ibhola yakhe ngqo ezingalweni zika nozinti. Nto leyo ibithetha ukuba khange bafake nenye ipenathi kwezintathu asele bezikhabile.
Ukanti bekufuneka kucace icala ngethuba uAchraf Hakimi odlalela iPSG eyinzalelwane yaseSpain esukuma esiya kukhaba eyakhe ipenathi.
Lo mdlali wephiko langasemva, ukhabele ibhola yakhe esizikithini sepali yachithwa ngunozinti, iMorocco yafumana uloyiso olothuse wonke ubani.
Ngoku, ilizwe laseMorocco lijongene nomnqantsa onzima wokuqubisana nelizwe laseSwitzerland okanye iPortugal, kodwa ngoku iMorocco iyaqinisekisa ukuba ingamahashe amanyama ekufuneka ethathelwe ingqalelo.
UWalid Regragui kunye neqela lakhe bangenelwe linqaku elinye kuphela kwimidlalo yabo yalendebe, kwalona yayilinqaku elafakwa ngumdlali wabo.
Ngaphandle kwamathandabuzo ilizwekazi iAfrika lizakube lixhasa iMorocco ngethuba ilwela ukuba yinxalenye yamaqela amane azakudlala imidlalo yamagqibela kankqoyi ngoMgqibelo umhla weshumi kwinyanga yoMnga.
Umfanekiso ongasentla: Imibhiyozo yelizwe laseMorocco
Imvelaphi yomfanekiso: @Goal