
Ngu Lungani Zungu
Ngaphambi kotyhuthulo lwamashishini kwinyanga yeKhala ngonyaka ka2021, ivenkile enkulu kwilokishi yaseMlazi iJeena’s Warehouse, ibifudula isaziwa ngenginginya yabantu abasoloko bephithizela bethenga besuka kumazantsi eTheku. Yayisoloko igcwele kungekho nto ingekhoyo kwaye ityelelwa ngabantu abasuka mbambo zone zeli.
Yayiyintandane kubantu balengingqi.
Kodwa ngoku, enye yezona venkile zindala eThekwini, itshintshe yaba yindawo yokulahla imizimba yabantu abaswelekileyo.
Ngolwesihlanu, kufunyaniswe umzimba wendoda engaziwayo kwesisakhiwo singasa sebenziyo. Lo ibingumzimba wesithathu ukufunyaniswa kwesisakhiwo kulonyaka.
Ngethuba kuqhambuka uqhankqalazo nokutyhuthulwa kwamashishini emva kokugwetywa kuka lowo wayesaya kuba ngumongameli weli uJacob Zuma ngenyanga yeKhala kunyaka ophelileyo, ivenkile yakwaJeena zange isinde.
Inginginya yabatyhuthuli – abanye babo ingabantu ababedla ngokuthenga kwa kule venkile – bathatha kwanto eyayikhona, kwaye le venkile zange ikwazi ukuphinda ivuke.
Le venkile, yakhiwe kufutshane neHostela engathembakalanga iGlebelands, eMlazi, yayiyindawo ethandwayo yokuthenga ukutya ngabahlali abasuka eFolweni kunye naKwaMashu.
Kwinyanga ephelileyo, abahlali baseMlazi kwaV, bavuka babona umbono ongathandekiyo wemizimba emibini yamanina elahlwe kwesisakhiwo inganxibanga. Ekuhambeni kwexesha, bachazwa njengo Ashly Jaers owayeneminyaka engamshumi amathathu kunye nomtshana wakhe uLee-Ann Jears owayeneminyaka elishumi elinesixhenxe.
Amapolisa aqinisekisile ukuba akukhomntu sele ebanjiwe malunga nokubulawa kwesisibini.
Ukanti, nakwisiganeko sakutsha nje, lomzimba awukaqinisekiswa ukuba ngokabani, kwaye akukhomntu sele ebanjiwe, aqinisekisile amapolisa.
Omnye wabaphathi balevenkile, uRajesh Moonsamy uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba abanayo imali yokuyakha kwakhona levenkile.
“Kubuhlungu kuba oko sasicinga ukuba siyinxalenye yabahlali balengingqi. Kodwa ngethuba beqalisa belahla imizimba yabantu abafileyo emva kokutyhuthulwa kwayo ngenyanga kaTshazimpuzi, saqalisa sabona ukuba silahlekelwe yinto yonke.”
Inkokheli yasekuhlaleni uMusa Cebekhulu uthe: “Siqubisana nokubulawa kwabantu ngokungenalusini kulommandla oko kwathi konakaliswa udederhu lwevenkile.”
Isithethi samapolisa uLiuetenant Colonel Nqobile Gwala uthe, amapolisa aphanda ukubalawa kwabantu abathe balahlwa kule venkile.
Umfanekiso ongasentla: Ivenkile yakwaJeena, eyayiyintandane yabahlali ijike yaba yindawo yokulahla imizimba yabantu abaswlekileyo
Imvelaphi yomfanekiso: IKhasi likaFacebook lika Lungani Zungu