
Ngu Razeen Gutta
Amaqela akuGroup E kwindebe yehlabathi abambelele ngomtya njengoko ejonge kumjikelo wokugqibela wemidlalo yawo emva kokuba iJamani idlale ngokulinganayo ngenqaku macala kumdlalo wayo neSpain kumabala ezemidlalo IA Bayt ngeCawa.
Umdlalo weSpain itywatyusha iCosta Rica, ulandelwe ngumdlalo owothuse uninzi apho iJamani ibethwe yiJapan kwimidlalo yomjikelo wokuvula kulamaqela. Ukongeza iCosta Rica ikwazile ukubetha iJapan ngenqaku elinye kumdlalo wasemini ngeCawa, nto leyo ibengumhlahla ndlela wongquzulwano phakathi kwamaqela azingangalala zaseEurope.
Iqela lika Hansie Flick belidinga iziphumo ezihle ngokukhawuleza, ukuze liqhawule isiqhelo sokukhutshwa kwindebe yehlabathi kwisigaba samaqela adibeneyo; kodwa kufanelekile ukutsho ukuba isidingo sempumelelo ayisosiqinisekiso somdlalo okumgangatho phezulu ebaleni.
Isiqingatha sokuqala salomdlalo besilawulwa liqela laseSpain, kodwa olungquzulwano belujongwe ngamehlo abomvu, belunamathuba amancinane okufaka amanqaku ekuqaleni komdlalo.
UAntonio Rudiger ukwazile ukubona umnatha ngaphambi kokuba kuphele isiqingatha sokuqala, kodwa ilaphu elixela ukuba ungaphandle liphakanyiswe ngoko nangoko, yabe isitsho impempe kwelinye icala ixela ukuba esi isiqingatha siphelile, saphela amaJamani enelinge lokuqala ukufaka inqaku.
Kuqale kwakubi nangakumbi kwintshatsheli zalendebe zonyaka ka2014, ngethuba uLuis Enrique efaka uAlvaro Morata ngaphambi nje kokuba kuphele iyure uqalile umdlalo.
Lomdlali weAtletico Madrid wenze utshintsho zibekwa, wawubona umnatha emva kokufumana ibhola ebivela kuJordi Alba yaba nenqaku elinye iSpain. LokaMorata ubengumdlali wokuqala weSpain ukuba afake inqaku esuka esitulweni kwimidlalo ilandelelana yendebe yehlabathi.
Iqela lamaJamani lifumene ixesha, nangona indoda kaWeder Bremen uNiclas Füllkrug ekwaze ukulinganisa kamva. Ukanti inqaku lokulinganisa lifike ngexesha, linika elilizwe elime kwindawo yeshumi elinanye kwihlabathi ithuba lokuba lizilwele kumjikelo wokugqibela wamaqela adibeneyo.
Omane lamaqela azakufumana ithuba lokudlalela ukuba yinxalenye yamaqela okugqibela alishumi elinesithandathu, apho intandokazi yelizwe laseSpain izakube idlala neJapan ngelixa iJamani izakube idlala ne Costa Rica ngoLwesine.
Umfanekiso ongasentla: iJamani 1 – 1 nakwiSpain
Imvelaphi yomfanekiso: @FifaWorldCup