Iinkokheli zombutho weANC ziyayikhaba ingxelo zesigqeba sika Section 89

Ngu Zukile Majova

Intlanganiso ebihleliwe zinkokheli zombutho we ANC ithathe isigqibo sokuxhasa umongameli uCyril Ramaphosa, nto leyo ithetha ukuba lo mbutho uyayikhaba ingxelo yekomiti ibiphanda izityholo ngakumongeli, iSection 89.

Isigqibo esithathwe yikomiti yezemisebenzi kuzwelonke yombutho weANC sithetha ukuthi amalungu epalamente azakuvota ephikisana neengxelo zikaJustice Sandile Ngcobo. 

Ukanti ipalamente yeli kulindeleke ukuba ihlale ukuze kuxoxwe kwaye kuvotwe malunga nokuba zilandelwe kusinina iziphakamiso ezidandalaziswe yilengxelo, ze kuqalise inkqubo yezotshutshiso ngaku mongameli. 

Ngomvulo kulindeleke ukuba ikomiti elawulayo kuzwelonke yombutho weANC, ifumane ingxelo kwikomiti yezemisebenzi yalombutho ukuze yenze isigqibo sokugqibela malunga necala ome kulo lombutho malunga nalenyewe. 

Akukhangeleki ngathi isigqibo sekomiti elawulayo singohluka kwisigqibo sekomiti yezemisebenzi – ekuligqiza lesigqeba esiphezulu sombutho weANC esenziwa ngamalungu amathandathu aphezulu alombutho, kunye namalungu angamashumi amabini ekungawona malungu madala ngokwamava kwisigqeba sekomiti elawulayo. 

Ukanti inkxaso esuka kumalungu angamashumi asibhozo anesithandathu ekomiti elawulayo, kuthetha ukuba zonke inzame zokutshutshisa umomgameli zizakutsho phantsi. Ukuze atshutshiswe ngempumelelo kufuneka levoti ifumane isininzi sesibini kwisithathu, samalungu endlu yowiso mthetho yeli enamalungu angamakhulu amane.

Ukanti umbutho olawulayo unamalungu epalamente angamakhulu amabini anamashumi amathathu, nto leyo ithetha ukuthi uninzi lwalamalungu kufuneka luvote ngokuchaseneyo nombutho wawo. 

Kwiveki ephelileyo, intlanganiso yamalungu aphezulu alombutho itshatyalaliswe ukuba uRamaphosa wohlulekile ukuba yinxalenye yalentlanganiso.

NgeCawa, uRamaphosa uxelelwe ukuba makarhoxe kulentlanganiso ngethuba amalungu ombutho weANC kwikomiti yezemisebenzi equlunqa ingxelo yesigqeba sikaSection 89.

Isigqeba ebesikhokhelwe nguChief Justice Sandile Ngcobo sifumanise ukuba uRamaphosa “kungenzeka” uwutyeshele umgaqo siseko weli, wasaphula isifungo sokuba kwesisikhundla kunye neminye imithetho yezerhafu eyohlukeneyo malunga nokurhweba ngemali. 

URamaphosa uqinisekisile ukuba uzakuba yinxalenye yentlanganiso yangoMvulo yekomiti elawulayo, ukuze athathe uxanduva kwisigqeba esiphezulu sombutho weANC esinamagunya okuthatha izigqibo kulombutho.

“Ngomso (Ngomvulo) ndizakube ndiyinxalenye yentlanganio yekomiti elawulayo.”

“Kuxhomekeke kulekomiti ekuyeyona ndiphendula kuyo, ukuba ithathe nasiphi na isigqibo.”

Uninzi lwabaxhasi bakaRamaphosa ekungabo abongameleyo kwikomiti elawulayo, kulindeleke ukuba basixhase isigqibo sokuba ahlale esikhundleni sakhe, aphinde onyulwe kwakhona kwinkomfa yonyulo kazwelonke ezakubanjwa ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kumashumi amabini kwinyanga yoMnga. 

Ugqirha Gwen Ramokgopa, ongumlawuli kwi ofisi kanobhala jikelele wombutho weANC uthe uRamaphosa akayi ndawo. 

“Abantu bomzantsi Afrika, iijaji kunye neenkokheli zithethile – ukuhlala kumzila wenyaniso, ubulugiswa kunye nokuvuselela; ungaphazanyiswa zizinto ezingendawo, ezinorhwaphilizo kunye nezingahambiselaniyo nomthetho; ibholo lasePhala-phala likhangeleka liyenye yenkqwithela ezize kuphazamisa.

“Akukho bungqina obubonakalisaisa ukuba uCyril Ramaphosa wenze into engafanelekanga.”

“Uyaqhuba nokuba ngumthombo wethemba lokunyaniseka kunye nempumelelo ezakungcanyulwa kuye wonke ubani.”

Njengoko sele kusele isithuba esingaphantsi kweveki ezimbini ngaphambi kokuba kuqalise inkomfa yonyulo yombutho weANC, uRamaphosa usankqenkqeza phambili ngokuba ngumgqatswa wesihlalo esiphezulu kulombutho, apho onyulwe ngamalungu amasebe alombutho angaphezu kwamawaka amabini anamakhulu amabini.

Umfanekiso ngasentla: Ngu Mongameli uCyril Ramaphosa

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu GCIS