
Ngu Razeen Gutta
Amatyeli amathathu apho uDominik Livakovit ekhabela ukukrazula umnatha ayaqhubeka ukuphumelelisa iqela laseCroatia kwimidlalo yendebe yehlabathi yeFifa, eliqela laligacele ukuthatha lendebe ngonyaka ka2018, nto leyo ibangele ukuba iqela laseJapan likhutshelwe ngaphandle kwakhona kwisigaba semidlalo yamaqela alishumi elinesithandathu.
Ukanti ukuphumelela kweqela laseJapan kwimidlalo yalo namaqela iJamani kunye neSpain ukuze likwailzi ukufikelela kwesisigaba, ngaphandle kwamathandabuzo kunika eliqela ithemba ngaphambi kwalomdlalo.
Oku kubonakele ngendlela eliqale kakuhle ngayo lomdlalo, njengoko umdlali weqela leCeltics uDaizen Maeda ebenze bankqenkqeza phambili ngaphambi kokuba kuphele isiqingatha sokuqala salomdlalo ngenqaku elihle kakhulu.
Ukanti iqela leCroatia khange lizibeke phantsi, nalo liwubonile umnatha kwimizuzu nje elishumi siqalile isiqingatha sesibini salomdlalo, njengoko uIvan Perisic ekwazile ukufaka inqaku ngebhola ayithathe ezinyaweni zika Dejan Lovren.
Ngoko kuhamba kwexesha, aye encipha ngokuncipha amathuba okuba omabini lamaqela afake amanqaku, nangona iqela leCroatia ibililo ebelilawula lomdlalo, kuye kwadlalwa kwixesha elongezelelweyo kwade kwafikelelwa kwixesha lokuba kuyiwe kwibhola zamapenathi okokuqala kwimidlalo yendebe yehlabathi yalonyaka.
Ukanti umzila ohlahlwe yimidlalo emithandathu edlulileyo, wokuba kuphumelele iqela elikhaba emva uqhubile, njengoko uTakumi Minamino okhabe kuqala, yaze ibhola yakhe yacholwa ngunozinti uLivakovik.
Ukanti lo nozinti weDinamo Zagreb uphinde wachitha amanye amanqaku amabini ukuze abe liqhawe leqela laseCroatia, eliqela esele lisiba yinxalelenye yemidlalo yamaqela asibhozo okugqibela kwimidlalo yendebe yehlabathi amatyeli asixhenxe.
Ngabadlali uNikola Vlasic, uMarcelo Brozovic kunye noMario Pasalic abakwazileyo ukukrazula umnatha kulamapenathi, ngelixa ingu Takuma Asano kuphela ofake inqaku ngakwiqela leJapan.
Ukanti iCroatia kulindeleke ukuba idlale neBrazil okanye iSouth Korea kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Dominik Livakovik
Imvelaphi yomfanekiso: @FifaWorldCup