
Ngu Tladi Moloi
Intlanganiso yebhunga lomasipala wasekuhlaleni iMaluti-a-Phofung local municipality kwiphondo laseFree State iphele ngendlela engaqhelekanga phakathi kwamapolisa kunye nooceba ebekufanele ukuba bayavalelwa.
Intlanganiso yebhunga ebihleli ngomvulo yokuchotshelwa kwevoti yokuphelelwa lithemba ephakanyiswe ngumbutho weANC ngakusodolophu walomasipala, usomlomo webhunga kunye nombexeshi oyintloko, ekungamalungu ecala elikhokhelwe ngumbutho iMAP 16, ongumbutho wabahlali.
Lentlanganiso ibingeka bhengezwa njengesele iqalile kwiholo iPhuthaditjhaba ngethuba usomlomo webhunga uParatlane Motloung, esenza isimemezelo esichukumisayo.
Uxelele letlanganiso ukuba amapolisa afikile, aze kubamba ooceba abathathu bombutho weANC abarhanelwa ukuba babandakanyeka kwityala lokwebiwa kuka ganda wokulungisa iindlela zalomasipala eyathi yathengiselwa abanye oosomashishini besixeko saseJohannesburg.
Athe engena nje amapolisa kwelo holo, basukuma ooceba babavalela bebaxelela ukuba abanalungelo lakubopha mntu ngethuba kusaqhuba intlanganiso yebhunga, babaxelela ukuba mabalinde ngaphandle ukuze kuqale kuphume intlanganiso.
Ngaphambi kokuba ingxabano ifikelele kuvuthondaba, amapolisa aphumele ngaphandle kweliholo.
UMotloung uthe, wenze esisimemezelo ukuze amapolisa angakwazi kubabamba ooceba. Emvakoko uyivalile lentlanganiso.
“Imigaqo nkqubo kunye nemithetho iyasivumela ukuba siyinqumamise intlanganiso sifumane elinye ixesha lokuyihlala ukuba kukhona uphazamiseko olukhoyo – yilonto ndiyivalile. Ndizakuhamba ndiyokhangela olunye usuku lokuba kuhlale lentlanganiso,” utshilo.
Ukanti uziphikile izityholo zokuba iqela lentsebenziswano yabo linqumamise lentlanganiso ngenjongo zokuphazamisana neziphakamiso zokuphelelwa lithemba ngakubo, kuba bengenawo amanani oneleyo ukuze baphikise ngempumelelo esisiphakamiso.
“Bubu vuvu into yokuba sifuna ukuphazamisa iinkqubo kuba singenawo amanani. Ndizakuphinda ndiqwalasele ngokutsha izinto ezininzi, ndibone ukuba esisiphakamiso sisamile kusini na nokuba kufuneka bafake esinye ngokutsha,” utshilo.
UMandlenkosi Dlamini, ongumbhexeshi wombutho weANC uthe basakhathazekile emva kokubona into ebiqhubeka kulentlanganiso.
“Umbutho iMap 16 ubucwangcwise yonke into. Bebefuna ukubambisa ooceba abathathu ngelixa ababini kubo ingabo ebebeza kuchaza ngesisiphakamiso….mna ndafumana umyalezo ovela kwinimbolo yomnxeba endingayaziyo, isithi ooceba ababini bombutho weANC bazakubanjwa, kwaye lonto iphantse yenzeka,” utshilo.
UMoeketsi Lebesa ongumbhexeshi webhunga, ugxeke kanobom usomlomo: “Umsomlono wenze okungafanelekanga. Bekufanele uwavumele amapolisa angene kwibhunga. Bebengenawo amaxwebhu agunyazisa ukubanjwa kooceba, kwaye bebengenako ukubanjelwa ngaphakathi kwizindlu zebhunga, kuba oko akuhambisani nengxelo yecandelo 71 othetha ngamalungelo kunye nobuntu.”
Isithethi samapolisa uWarrant Officer Mmako Mophiring uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba akukho tyala libekwe abaceba bathathu.
“Kuzakufuneka ukhangele kwibutho lookhetshe, mhlawumbi bona banalo ityala elivuliweyo,” utshilo.
Ukanti uCaptain Christopher Singo othethela ibutho lokhetshe uthe, akukhonto bayaziyo ngelityala.