
Ngu Kamogelo Olaitan
Usekela nqununu ubethelwe oogqirha nezicaka, wahanjiswa ze ilali yonke emva kwezityholo zokuba ubhaqwe esabelana ngesondo nomfundi owenza ibanga leshumi endlini yakhe.
Lomfundi uneminyaka elishumi elinesibhozo osuka kwindawo yaseGa-Mphahlele eLimpopo, ubelahlekile kwinkampu yabafundi bebanga leshumi iintsuku ezintathu.
Umalume walomfumdi uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba bafumene umnxeba osuka esikolweni bexelelwa ukuba mabaze kulanda izinto zentombi yabo kulenkampu kuba inyamalele.
Umalume uthe bazule ilali yonke bebuzisa nabahlobo bentombi yabo ukuba uphi na, kulapho bafumanise ukuba usekhayeni lika sekela wenqununu yesikolo samabanga aphakamileyo iKgagatlou Secondary.
Usapho lomntwana kunye nabanye abahlali basingise ngqo kwikhaya laletitshala ineminyaka engamshumi amahlanu anesibini ubudala, bafika esebhedini kunye nalomntwana.
Ngokonganyelwa ngumsindo, letitshala inyanzeliswe ukuba iphume kulo bhedi inganxibanga, kwaye yabethwa kanobom ngaphambi kokuba izula zuliswe ilali yonke, yarhuqwa yasiwa esikolweni ngethuba kushicilelwa umboniso wayo.
Lomboniso ushicilelweyo uthe wapapashwa kumakhasi ezonxibelelwano .
“Sothukile yinto yokuba indoda ebekufanele ikhuthaze umntwana ngekamva lakhe, yiyo kuqala emququzelela ukuba aphose izifundo zakhe, ngoku akwaziyo ukubaluleka kokuba abe yinxalenye yenkampu eqhubayo,” utshilo umalume.
“Thina sithathe umntwana wethu simsa esikolweni kodwa yena ubona umfazi anokumgcina kwakhe ngelixa abanye abantwana befunda. Lixhego elingenantloni. Into esiyifunayo kukuba ajamelane neziphumo zezenzo zakhe,”
Umalume uthe letitshala ibe nentlahla kuba umtshana wakhe akathathwa njengomntwana omncinci, kona kona ubezakuba sele ethothoza eziseleni ejamelene netyala lokudlwengula.
Iqoga lendaba iScrolla.Africa liyibonile imbalelwano yeqonga lezonxibelelwano uWhatsApp phakathi komfundi lona kunye notitshala, apho amcelayo ukuba amphakele ngaphambi kokuba ayobhala imviwo zakhe.
Xa kuthethwa naye ukufumana icala lakhe, lotsitshala uthi wenzelwa iyelenqe, lomfundi ubeye endlini yakhe ukuyofumana izifundo ezongezelelweyo. Xa ebuzwa ukuba kutheni efunyenwe enganxibanga, uthumele eliqonga ukuba lithethe nesebe lezemfundo.
Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo lase Limpompo uMike Maringa uthe, isele lizifumene iingxelo zokubethwa kwetitshala ityholwa ngokuba nobudlelwane bezesondo nomfundi wesikolo etitsha kuso.
“Sizithathela ingqalelo ezizityholo, kwaye siyayilandelela lenyewe ukufumanisa ubunyani bayo,”utshilo uMaringa.
Isithethi samapolisa kwelaphondo uColonel Malesela Ledwaba uthe, akukho tyala livuliweyo malunga nesisiganeko.