Buyisani izixhobo zomculo ecaweni nizakufumana imbuyekezo

Ngu Buziwe Nocuze

Amasela angene azenzela kwizixhobo zomculo kwibandla iIgnite Church eGonubie eMonti, nalapho babe umculo obusonwabisa imiphefulo yamakholwa alenkonzo. 

Kungoku nje lenkonzo inikezela ngesixa mali samawaka amathatu kuye nabanina onokuza nolwazi olunokuncedisa kufunyanwe izixhobo zomculo iKeyboard ezimbini zakwa Yamaha, i25-channel Soundcraft, imixer yomculo kunye negubu lespeaker sakwa Yamahaa. 

Umfundisi uMlambo Sigobolwana uthe lamasela agqekeze kwinkonzo yabo ngobusuku bangolwesine. Oku ukubone ngethuba esiya enkonzweni ngentseni yangolwesihlanu eyokwenza umthandazo wakhe wasekuseni njengesiqhelo, uye wothuswa ukubona ucango lophukile  kwanokufumanisa ukuba zonke izixhobo zomculo zimkile. 

“Sinyanzelekile ukuba sizifumane ezizixhobo. Umculo uphilisa imiphefumlo, kwaye usenza siqhakamshelane noYesu, kwaye ezizixhobo zisinceda ukuba simdumise. Ndinethemba lokuba abahlali bazakusebenzisana nathi ukuze sifumane ezizixhobo,” Utshilo uSigobolwana. 

Lomfundisi uthe akakwazi kuqondisisa ukuba kutheni umntu ezodelela indlu kaThixo, abele inkonzo. 

“Ingaba abayoyiki ingqumbo kaThixo?” ubuzile lomfundisi.

Elinye lamalungu alenkonzo lixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba lithandazela ukuba zifunyanwe ezizixhobo zisaphelele.

“Kulihlazo into yokuba oonqevu bagqekeza kuyo yonke indawo kulemihla; akukhathalisekanga noba yiCawe okanye sisikolo. Baxolele ukophula umthetho kuba befuna imali yokuthenga iziyobisi.” Esisiganeko sibonakalisa ukuba aboyiki mntu okanye nantoni na. Uzuqonde abamoyiki uThixo, ongumdali wabo,” utshilo.

Isithethi samapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uwarrant Officer Majola Nkohli uthe kuvulwe ixwebhu lophando malunga nesiganeko sokugqekezwa.

“Kurhaneleka ukuba kugqekezwe kwiCawe ekuhola wendlela eGonubie, kwebiwa izixhoba zale cawe. Noxa Kunjalo akukhomntu sele ebanjiwe okwangoku,” utshilo uNkohli.

Umfanekiso ingasentla: Ibandla iIgnite Church eGonubie eMonti. 

Umfanekiso: Uthunyelwe