Bazakonwabela iKhrismesi kwisithoko thoko sobumnyama eZimbabwe 

Ngu Dalphine Tagwireyi

Izigidi ngezigidi zabemi baseZimbabwe, kufuneka bazilungiselele ukubhiyozela iKhrismesi bekhanyise ngamakhandlela.

Oku kuza nanjengoko iqumrhu elibonelela ngombane  iZimbabwe Electricity Supply Authority (Zesa) inikwe umyalelo wokuba inqumamise ukuveliswa kombane kwiziko lokuphehla umbane iKabira South Bank. 

Ingqonyela yeZambezi River Authority uMunyaradzi Munodawafa uthe iziko iKariba alisenawo kwaphela amanzi okuqhubeka livelisa amandla, emva kokuba liwasebenzise aphela amanzi ebeliwabekelwe.

Iholide zokuphela konyaka zizakube zonganyelwe sisithoko thoko sobumnyama. Eliqumrhu lithi sele lisebenzise amanzi alinganiselwa ku23.89 billion yeCubic meters, ekungamanzi angaphezulu ngomyinge ka6.16%wamanzi ebebewabekelwe ukuba bawasebenzise kunyaka ka2022.

Lo kaMunodawafa uthe, ukuba ukusetyenziswa kwamanzi ngoluhlobo kuyaqhubeka, amanzi okuvelisa amandla azakufikelela esiphelweni kumbindi wenyanga yoMnga. 

UMunodawafa ukwathe ovimba bokugcina amanzi bame kumyinge ka4.60%, nto leyo ithetha ukuba awasekho kwaphela amanzi anokusetyenziselwa ukuvelisa amandla.

Injineli uWeddington Tamuka Gutsire, oyingcali kwezamandla, uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba oku kuthetha ukuba ilizwe laseZimbabwe lizakujamelana nomcelimngeni wokonyuka kwezinga lokucinywa kombane xakuthelekiswa nemeko enganyamezelekiyo kungoku kacimicimi wombane. 

“Iziko iKariba lelona livelisa umbane omninzi kwilizwe laseZimbabwe, ukuba liyavala nokuba kokwexeshana okanye umphelo, kuzakuba khona unqongophalo olumnandla kwicandelo  lamandla”, utshilo.

“Indlela zemveliso zamandla ezifana norhwebo okanye ukusetyenziswa kweziko iHwange Thermal Power Station kufuneka zinikwe ingqalelo, kuquka inkampani ezizimeleyo ezivelisa amandla zisebenzisa ilanga,

Umlawuli weziko elijongene nokuveliswa kwamandla ngendlela esulungekileyo, nezokusingqongileyo kwezobuchwepheshe uGqirha Gibson Mandishona uthe ucinga ukuba isakhiwo seziko lokuphehla umbane ikabira sidala ngoku.

“Njengoko liqhubeka lisehlaizinga lamanzi ngenxa yokutshisa ehlabathini, umphathiswa wezamandla kufanelekile ukuba anike ingqwalasela ukumilisela iindlela ezintsha zeHydro-power design ezikwazi ukusebenza ngezinga lamanzi akhoyo. 

“Unikezelo lwamandla lungaphantsi kunezinga elinyuke ngayo iqondo lokudingeka kwamandla eZimbabwe, yenye yezinto ekufanele zimvuse umphathiswa wezamandla ukuba asebenzise iindlela zalemihla zokuvelisa umbani iHydro-power kwiziko lokuvelisa umbane iKariba.”

Imvelaphi yomfanekiso: Pikrepo