Babulewe bekhusela usisi wabo kwizidlwengu 

Ngu Celani Sikhakhane

Kubulewe abafana ababini abaselula, ze imizimba yabo yalahlwa ngethuba bebezama ukusindisa udade wabo ukuba angadlwengulwa ngoonqevu ngobusuku bangomgqibelo. 

Lamadoda mabini aselula ebeneminyaka ephakathi kweshumi elinesihlanu kunye namashumi amabini anesihlanu, asuka kwilali iMatheni kwaNongoma, kumantla ephondo lakwaZulu-Natal, abulewe zizivubeko zokuhlatywa. 

Kutyholwa ngelithi abarhanelwa ababini bakwaze ukungena kwelikhaya emva kokuba bexokile bathi bazise unyana welikhaya oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, kuba besithi unxile akakwazi nokuzihambela ngaphandle kokutotobiswa. 

Ngaphandle kokuthandabuza umama uvule umnyango – kulapho abone khona ukuba uqhathiwe. Unyana wakhe ubengafumaneki ndawo. 

“Intombi yam ikhawuleze yaqhakamshelana no bhuti wakhe ngomnxeba, oye waqinisekisa ukuba abarhanelwa bayaxoka bamshiye kumzi ebebezimase kuwo umcimbi kwalapha elalini.  Sazile ngoko nangoko ukuba sisengxakini,” utshilo lomama.

Ukanti unyana omdala uthembisile ukuba uzakubuya ngokukhawuleza azokusombulula lengxaki, kodwa ube kude kakhulu.

Ngoko nangoko abarhanelwa baqalise bahlasela intombi yelikhaya kwaye baqalisa bamdlwengula umama wakhe ebukele. 

Utata kunye nonyana omncinci beve uxambuliswano bekwizindlu zabo zokulala baphuthuma baya kujonga ukuba kwenzeka ntoni. 

Bazamile ukunqanda oludlwengulo kodwa bahlatywa amatyeli ohlukeneyo ngabarhanelwa. Ngeloxesha lemigewu ibitshintshana ngokudlwengula intombi yabo eneminyaka engamashumi amabini ngaphambi kokuba bayigwaze nayo. 

Lomama igamalakhe linkonyiweyo kuba kukhuselwa intombi yakhe, uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba usapho lwakhe soze lusilibale isehlo abadlule kuso. 

“Bebengena lusini, bengakhathalelanga into yokuba siyabazi. Xa efika unyana wam emva kokuba sithethile naye ngomnxeba, baye bamhlaba babarhuqa bobani bebakhuphela ngaphandle endlini begcwele igazi bephelelwe nangamandla. Indlu yam yonke yayigcwele ligazi.”

Ngalomzuzu unyana omdala efika ekhayeni lakhe wabona utata wakhe kunye nomntakwabo behlatyiwe, kwaye usisi wakhe exhatshazwa. Baye bamhlasela ngaphambi kokuba akwazi ukuzikhusela, bamhlaba bambulala. 

Abababulali bahambe bebarhuqa oonyana bobabini kubonakala ukuba bayafa, ngelixa unina wabo wasala enyanzeleke ukuba makakhathalele intombi yakhe elimeleyo kunye nomyeni wakhe.  

Intombi kunye nomyeni bangeniswa esibhedlele sasekuhlaleni banyangwa amanxeba okuhlatywa, kodwa bakhululwa ngeCawa. 

“Soze ndibaxolele ngento abayenza kusapho lwam, basibulele sonke ngoku sisaphila. Soze sikwazi ukuphuma kulo mgibe,” utshilo lomama ekhathazekile. 

Abahlali bancedisile ukukhangela oonyana bobani ngeCawa kodwa imizimba yabo yafunyanwa ngentseni yangoMvulo kwindawo ezohlukeneyo. 

Abahlali abalugcwabevu ngumsindo bazame ukutshisa ikhaya labarhanelwa ngoMvulo emva koba kufumaneke lemizimba. 

Isithethi samapolisa uConsatable Thenjiwe Ngcobo uthe amapolisa asakhangela umrhanelwa omnye otyholwa ngamatyala okubulala, ukuzama ukubulala kunye nokudlwengula

“Abarhanelwa babini kwaye amapolisa akwazile ukumbamba omnye oseluvalelweni lwamapolisa”

Umfanekiso ongasentla: Ilokishi yakwa Nongoma

Imvelaphi yomfanekiso: iKhasi lika Facebook