Abafundi bawela umfula ugquma bekhangela imfundo

Ngu Songeziwe Mapukata

Kuleveki, bakujonge ngamehlo abomvu ukubhala iphepha labo lokugqibela abafundi bebanga leshumi belali iMthingwevu engaphandle kwedolophu yaseCala, kwiphondo leMpuma Kapa.  

Kulenyanga iphelileyo, ababafundi bebesebenzisa isiqobo somthi omdala ukuwela umlambo ogqumayo, emva kokukhukhuliseka kwebhulorho ebabeyisebenzisa, ibadibanisa nesikolo samabanga aphakamileyo ekukuphela kwaso esisetyenziswa yilali yabo. 

Ukanti akuyonto ingaqhelekanga ukuba umfundi awele kulomlambo ukuba khange akwazi ukuqiniseka xa ebeka unyawo, ngethuba ezama ukuwela kulomngcipheko ubeka impilo yabo esichengeni.

Nangaluphina usuku, bafika kwisikolo samabanga aphakamileyo iSikhosana bemanziswe yimvula, beqhaqhazela kukugodola, belambile kwaye bediniwe kukuhamba imigama emide besiya esikolweni. 

Ngalo lonke eloxesha basajamelene nokuchophela uviwo lwabo lokuphela konyaka. 

Abahlali beelali eziphantsi komasipala wasekuhlaleni iSakhisizwe baxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba sele iyiminyaka emihlanu behamba phezu kwalomgibe wokufa.

Izikhalo zabo zokucela ukwakhelwa iziseko ezingcono azithathelwa ngqalelo ngulomasipala. 

UPhiwe Mbewu uthe, inkonzo zezempilo ezazisiza ngesithuthi ukuza ukunceda abantu abadala bafumane unyango lwezempilo azisafikeleli kwilali yabo. 

“Into eyenzekayo, abantu abadala abasakwazi nokuya edolophini bayorhola imali yabo yenkam-nkam xa kunetha, kwaye siyazibuza ukuba batya ntoni.”

“Kha ufane ucinge umntu omdala oneminyaka esele iqabele kumashumi amathandathu, ehamba umgama ongange khilomitha ezintlanu ngaphambi kokuba afike endleleni.”

“Lemigaqo inodaka, kwaye ababantu banyanzeleka ukuba bathwale iingxowa ezinokutya entloko bebadala benjalo,” utshilo uMbewu ohlala kwilali yaseMthingwevu. 

Abanini beeTaxi phantsi komfela ndawonye weeTaxi iXalanga eCala, ekuzizo ezihambisa abantu kwezilali, basixelele ukuba imoto zabo ziyafa ngenxa yeendlela ezingekho mgangwethweni.

“Abantwana besikolo banyanzeleka ukuba bahambe kwisiqobo somthi ukuze bafikelele esikolweni ingakumbi ngexesha lokubhalwa kweemviwo. Singabaqhubi beetaxi simisa izithuthi zethu kuhola wendlela, sitshintshane sibeleka abantu abadala abagulayo ukuze bakwazi ukulanda amayeza abo edolophini,” Utshilo uMeva Colani onemoto ezimbini. 

Ukuqubisana nemeko ezinzima oluhlobo, kuyamangalisa; kodwa abantu balommandla babonakalisa ngaphandle kwamathandabuzo ukuba intaka yakha ngoboya benye. 

Umfanekiso ongasentla: Abantwana besikolo bafolele ukuwela umfula oyingozi

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe